GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 43
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
43
(3) Xa isebe likarhulumente okanye icandelo likarhulumente ekuthethwe ngalo
kwisiqendwana (2) lingakwazi ukukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
njengoko kuxelwe kwisiqendwana (2), umntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo
makathabathe amanyathelo okuqinisekisa ukuba kuqeshwa inkampani yoonogada
yokukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, kodwa ke, loo nkampani yoonogada
inokuqeshwa kuphela emva kokuba kugqitywe ngempumelelo ukugocwagocwa
kokufaneleka kokuqeshwa kwayo liQumrhu Lokhuseleko LoMbuso.
(4) (a) Ngokulawulwa sisiqendu (b) no-(c), uMphathiswa unokuthi, ukuba umntu
ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo uxela isizathu esivakalayo kwisicelo
esixelwe kwisiqendu 17(1) okanye 18(1)(b), unokuthi agqibe kwelokuba iNtloko
yesebe likarhulumente yiyo emayihlawule zonke iindleko okanye inxalenye yeendleko
eziyimfuneko ekuthabatheni amanyathelo axelwe kwisiqendwana (1).
(b) Ukuze aqonde ukuba iNtloko yesebe likarhulumente exelwe kwisiqendu (a) iya
kuzithwala kangakanani iindleko, uMphathiswa—
(i) xa kulisebe kurhulumente welizwe, makabonisane noMphathiswa Wezimali
kunye noMphathiswa ophathiswe isebe elichaphazelekayo;
(ii) xa kulisebe kurhulumente wephondo, makabonisane noMphathiswa wephondo
ophathiswe izimali kwakunye noMphathiswa wephondo ochaphazelekayo
ophathiswe isebe elichaphazelekayo;
(iii) xa kungumasipala, makabonisane neBhunga likaMasipala ochaphazelekayo;
aze
(iv) apho kunokwenzeka khona, athabathel’ ingqalelo umgaqo-nkqubo
weKhabhinethi, abaphathiswa bephondo abachaphazelekayo okanye iBhunga
likaMasipala elichaphazelekayo ngemilinganiselo yamanyathelo okhuseleko
neendleko ezifanelekileyo ekunokuthi kungenwe kuzo ngurhulumente.
(c) UMphathiswa makathi, ngokubhala, azise iNtloko yesebe likarhulumente kunye
nomntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ngesigqibo, axele ukuba—
(i) iNtloko yesebe likarhulumente exelwe kwisiqendu (b);
(ii) nomntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo,
uya kuzithwala kangakanani iindleko eziyimfuneko zokuthabatha amanyathelo axelwe
kwisiqendwana (1).
(5) Xa umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo engawathabathi
amanyathelo axelwe kwisiqendwana (1), uMphathiswa unokuthi, ngesaziso
esibhaliweyo nangendlela emiselweyo, amyalele ukuba, lingekapheli ixesha
elixeliweyo kwisaziso kwaye ekwenza oko ngeendleko zakhe, athabathe amanyathelo
ngokukhuseleka kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo anokuthi axelwe kwisaziso
eso.
(6) Ukuba umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo uyala okanye
uyoyisakala ukuthabatha amanyathelo axeliweyo kwisaziso ngexesha elixeliweyo apho
kuso, uMphathiswa makathabathe amanyathelo okanye enze ukuba kuthatyathwe
amanyathelo kukhuseleko lwezo ziseko zibalulekileyo kwaye makenze ukuba kubuye
iindleko kumntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, ndleko ezo
ezinokuqingqwa nguMphathiswa.
(7) Umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo makamisele umntu
oqeshwe kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo abe yimaneja yokhuseleko ukuba—
(a) iwenze usebenze umgaqo-nkqubo wokhuseleko omiselweyo kwaye ikubek’
esweni ukusebenza kwayo kunye nezicwangciso eziqulunqelwe ezo ziseko
zibalulekileyo, ikwenza oko egameni lomntu ophetheyo kwiziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo;
(b) igunyaze ukufikelela kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye
yongamele ukugunyazwa kokufikelela kuzo ngabasebenzi bokhuseleko
abasebenza phantsi kwakhe;
(c) ithetha-thethane nenkampani yoonogada oqeshwe ngumntu ophetheyo
kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
(d) iyenze isebenze imiyalelo exelwe kwisiqendu 25(1)(b);
(e) inike umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo iingxelo
zenyanga nganye ezingemisebenzi exelwe kwisiqendu (a), (b) no-(c); kwaye
(f) yenze neminye imisebenzi emalunga nokukhuselwa kwezo ziseko
zibalulekileyo, misebenzi leyo anokuthi ayinikwe ngumntu ophetheyo kwezo
ziseko zibalulekileyo, kodwa ke, loo maneja yokhuseleko inokuqeshwa
kuphela emva kokuba kugqitywe ngempumelelo ukugocwagocwa
kokufaneleka kokuqeshwa kwayo liQumrhu Lokhuseleko LoMbuso.
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
5
10
15
20
25
30
35
40
45
50
55
60
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents