GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   49 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 49 (g) owonakalisa, obek’ engozini, okanye ophazamisa iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye osongela ukhuseleko lwazo okanye inxalenye yazo; (h) osongela ukonakalisa iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; okanye (i) owakh’ iyelenqe nomnye umntu okanye ancedise omnye ekwenzeni isenzo ekuthethwe ngaso kwisiqendu (a) ukuya ku-(h), waphul’ umthetho kwaye, ngokulawulwa sisiqendwana (3) nesesi-(4), uya kuthi akufunyaniswa enetyala agwetywe ifayini okanye ukuvalelwa entolongweni ixesha elingagqithiyo kwiminyaka emithathu, okanye agwetywe kokubini ifayini nokuvalelwa entolongweni. (2) Malunga nesiqendwana (1)(a) nesiqendwana (1)(b), elithi ‘‘amanyathelo okhuseleko’’ lithetha loo manyathelo okhuseleko kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo angabonakaliyo ngokucacileyo kuluntu okanye esidlangalaleni. (3) Ukuba ubungqina kwisimangalo esikwisiqendwana (1)(a) ukuya ku-(i) bubonisa ukuba isenzo esenziweyo senziwe ngenjongo yokubangela umonakalo okanye umonakalo omkhulu kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, inkundla inokuthi, ukuba ziziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ezibekwe kudidi— (a) lobungozi obuphantsi, igwebe ifayini okanye ukuvalelwa entolongweni ixesha elingagqithiyo kwiminyaka emithathu okanye kokubini ifayini nokuvalelwa entolongweni; (b) lobungozi obuphakathi, igwebe ifayini okanye ukuvalelwa entolongweni ixesha elingagqithiyo kwiminyaka emihlanu okanye kokubini ifayini nokuvalelwa entolongweni; okanye (c) lobungozi obuphezulu, igwebe ifayini okanye ukuvalelwa entolongweni ixesha elingagqithiyo kwiminyaka esixhenxe okanye kokubini ifayini nokuvalelwa entolongweni. (4) Ukuba ubungqina kwisimangalo esikwisiqendwana (1)(a) ukuya ku-(i) bubonisa ukuba isenzo esenziweyo okunene siwubangele umonakalo okanye ukulahlekelwa yimpahla kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, inkundla inokuthi, ukuba ziziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ezibekwe kudidi— (a) lobungozi obuphantsi, igwebe ifayini okanye ukuvalelwa entolongweni ixesha elingagqithiyo kwiminyaka eli-10 okanye kokubini ifayini nokuvalelwa entolongweni; (b) lobungozi obuphakathi, igwebe ifayini okanye ukuvalelwa entolongweni ixesha elingagqithiyo kwiminyaka eli-15 okanye kokubini ifayini nokuvalelwa entolongweni; (c) lobungozi obuphezulu, igwebe ifayini okanye ukuvalelwa entolongweni ixesha elingagqithiyo kwiminyaka engama-20 okanye kokubini ifayini nokuvalelwa entolongweni. (5) Nawuphi na umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo othi— (a) esazi anike ingcombolo ebubuxoki okanye engachananga kwisicelo sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (b) ale okanye oyisakale ukwenza okufunwa sisaziso esikhutshwe ngokwesiqendu 11(3) okanye 11(4); (c) ale okanye oyisakale ukuthabatha amanyathelo axelwe kwisaziso esixelwe kwisiqendu 20(2); (d) ale okanye oyisakale ukuthabatha amanyathelo axelwe kwisaziso esixelwe kwisiqendu 20(2) lingekapheli ixesha elixelwe kwisaziso; (e) ale okanye oyisakale ukwenza okufunwa sisiqendu 24(8) kwiimeko apho ukwenza okufunekayo bekungeke kulubek’ emngciphekweni kakhulu ukhuseleko kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; okanye othi (f) ale okanye oyisakale ukwenza okufunwa sisiqendu 25(8), waphul’ umthetho kwaye esakufunyaniswa enetyala uya kugwetywa ifayini okanye ukuvalelwa entolongweni ixesha elingagqithiyo kwiminyaka emihlanu okanye agwetywe kokubini ifayini nokuvalelwa entlongweni, okanye xa kuyinkampani eyaphule umthetho njengoko kuxelwe kwisiqendu 332 seCriminal Procedure Act 51 ka-1977, kube yifayini engagqithiyo kwizigidi ezili-R10. (6) Nanini na xa inkundla ifumanisa umntu enetyala ngesenzo esikukona esingokwalo Mthetho apho kuye kwabangelwa umonakalo okanye ukulahlekelwa yimpahla, umtshutshisi makaxelele umntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo oko kutshiwo sisiqendu 300 seCriminal Procedure Act 51 ka-1977, aze azise inkundla. This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 5 10 15 20 25 30 35 40 45 50 55 60

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents