GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 53
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
53
(k) ngeenkcukacha emazipapashwe apho iziseko zibhengezwe njengeziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo okanye apho ukubhengezwa kwazo njengezibalulekileyo kuphelisiweyo, njengoko kuxelwe kwisiqendu 21(6);
(l) ngamanyathelo amakathatyathwe ngumntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
njengoko kuxelwe kwisiqendu 24(1);
(m) malunga nabasebenzi bokhuseleko—
(i) ngolawulo nokusebenza kweenkampani zoonogada kwindawo yeziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo;
(ii) ngemilinganiselo nezifundo zoqeqesho ezinokuthi zigqitywe kwaye
zivunywe yiPSIRA ekufuneka oonogada abagada kwiziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo babe nazo;
(iii) ngeemfuneko, imfundo, inqanaba lokhuseleko, nenkqubo yokuqeshwa
kwabasebenzi bokhuseleko kwindawo yeziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo;
(iv) ngezizathu ezibenza bangafaneleki abantu ukuba baqeshwe
njengabasebenzi bokhuseleko okanye bangafaneleki ukuqhubeka
beqeshiwe kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; kwakunye
(v) nendima neembopheleleko zeenkampani zoonogada kwindawo yeziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo;
(n) mayela namanyathelo okhuseleko kwindawo yeziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo—
(i) ngemilinganiselo yamanyathelo okhuseleko;
(ii) ngokulawulwa kokungena nokuphuma kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
(iii) nangeenkqubo zemeko yequbuliso nokukhutshwa kwabantu kwindawo
yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
(o) nangawo nawuphi na omnye umbandela onxulumene nale ekuyimfuneko
ngawo ukwenza ummiselo ukuze lo Mthetho usetyenziswe kakuhle.
(2) Imimiselo eyenziwe phantsi kwesi siqendu ingabeka isohlwayo esiyifayini
okanye esikukuvalelwa entolongweni ixesha elingekho ngaphaya kweenyanga ezili-12
okanye ifayini noko kuvalelwa entolongweni ngokwaphulwa kwayo okanye
ngokoyisakala ukwenza okufunwa yiyo.
(3) UMphathiswa unokwenza imimiselo engafaniyo yeendidi ngeendidi
ezahlukeneyo zeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo.
(4) UMphathiswa angakhupha imiyalelo ngendlela yokuqondwa kweziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo nokuphononongwa kwazo nokulawulwa kwazo njengoko
kunokuthi kufuneke ukuqinisekisa ukusetyenziswa kwalo Mthetho ngendlela efanayo.
(5) UMphathiswa makathi thaca ePalamente imimiselo aceba ukuyenza ukuze
iphicothwe ngaphambi kokuba ayipapashe.
(6) Nawuphi na ummiselo oyimfuneko ukuze usetyenziswe ngoko nangoko lo
Mthetho mawupapashwe ngendlela yokuba ungqamane nokuqalisa kwalo Mthetho
ukusebenza.
(7) Ngaphambi kokuba enze nawuphi na ummiselo ngokwesi siqendu,
uMphathiswa—
(a) makapapashe isihlokomiso kuShicilelo-Mithetho—
(i) edwelisa imimiselo eseluvavanyo; aze
(ii) ameme abantu ukuba bangenise izimvo ezibhaliweyo ngaloo mimiselo
eseluvavanyo, bekwenza oko lingekapheli ixesha elibekiweyo; kwaye
(b) makaziqwalasele izimvo azifumeneyo.
(8) UMphathiswa unokuthi ayipapashe imimiselo ikwimo yayo yokugqibela
kuShicilelo-Mithetho, ekwenza oko emva kokuba ekwenzile okufunwa sisiqendwana
(7), kungakhathaliseki ukuba wenze utshintsho kusini na okanye akalwenzanga
kwimimiselo ekuthethwe ngayo kwisiqendwana (1), emva kokuba ekwenzile okufunwa
sisiqendwana (5).
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
5
10
15
20
25
30
35
40
45
50
55
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents