GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   55 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 55 ISAHLUKO 7 OKUTSHIWO NGULO MTHETHO GABALALA NOKUZA KWENZEKA OKWETHUTYANA Ubulungisa ekwenziweni kwezigqibo 28. Nasiphi na isigqibo esithatyathwayo ngokwalo Mthetho masithatyathwe ngokuvumelana nePromotion of Administrative Justice Act 3 ka-2000, ngaphandle kokuba kuyalelwe ngenye indlela kulo Mthetho. 5 Imithetho etshitshiswayo 29. Imithetho ekhankanywe kwiSihlomelo A iyatshitshiswa kwaye iindawo 10 ezitshitshiswayo ziboniswe kumhlathi wesithathu apho kwiSihlomelo. Okuza kwenzeka okwethutyana 30. (1) Nayiphi na iNdawo Ebalulekileyo Yelizwe okanye uDederhu Lweendawo Ezibalulekileyo Zelizwe ezibhengezwe ziziindawo ezibalulekileyo ngokwemithetho ekuthethwe ngayo kwiSihlomelo (‘‘iMithetho yangaphambili’’), mazithathwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo de abe uMphathiswa wenze isigqibo malunga nokuba ezo Ndawo Ezibalulekileyo Zelizwe okanye olo Dederhu Lweendawo Ezibalulekileyo Zelizwe ziziziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kusini na ngokwesiqendu 20(1). (2) Zingekapheli iinyanga ezingama-48 uqalile ukusebenza lo Mthetho, uMkomishinala Wezwelonke makathi, emva kokuba ebonisene nomntu ophetheyo kwiNdawo Ebalulekileyo Yelizwe aqulunqe ingxelo ngokufaneleka kokuba nganye iNdawo Ebalulekileyo Yelizwe okanye ngalunye uDederhu Lweendawo Ezibalulekileyo Zelizwe zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye zibhengezwe njengoDederhu Lweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, aze angenise loo ngxelo, kunye neziphakamiso kwiBhunga Leziseko Eziphakamileyo emaliyisingathe loo ngxelo ngendlela exelwe kwisiqendu 19. (3) Zingekapheli iinyanga ezintathu uqalile ukusebenza lo Mthetho, umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ezixelwe kwisiqendwana (1) makaqinisekise ukuba inkqubo yokuhlola ukufaneleka kwenkamapani yoonogada, kuquka neyokuhlolwa konogada oqeshwe kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, iqalisiwe. (4) Ngokulawulwa sisiqendwana (5), lo Mthetho awuwachaphazeli amatyala awaqaliswa ngokweMithetho yangaphambili awayephambi kwenkundla ngaphambi komhla wokuqalisa kwalo Mthetho, kwaye loo matyala makaqosheliswe kwinkundla leyo ngokungathi lo Mthetho awuphunyezwanga. (5) (a) Amatyala axelwe kwisiqendwana (4) makathathwe njengangekaqosheliswa ukuba umntu lowo selebuziwe ukuba uyalivuma okanye uyalikhanyela kusini na ityala. (b) Akukho kutshutshiswa komntu okuya kuqhubeka ngokwaphula omnye wemithetho yangaphambili ukuba isenzo sokwaphul’ umthetho ekuthiwa usenzile ngesingesiso isenzo sokwaphul’ umthetho ukuba bekusebenza lo uMthetho ngexesha lokwenziwa kweso senzo sokwaphul’ umthetho. (6) (a) Nangona itshitshisiwe imithetho yangaphambili, nawuphi na umntu owayethe, ngaphambi kokutshitshiswa kwayo, wenza isenzo esikukwaphul’ umthetho ngokwaloo mithetho, senzo eso esikukwaphul’ umthetho nangokwalo uMthetho, unokuthi emva kokuba lo uMthetho uqale ukusebenza, atshutshiswe ngokwalo uMthetho. (b) Nangona ukusebenza kwalo Mthetho kwenziwa kuqalele kwixesha elidlulileyo njengoko kuxelwe kwisiqendu (a), nasiphi na isohlwayo awohlwaywa sona umntu ngokwalo Mthetho ngokwesenzo esenziwa ngaphambi kokuba lo Mthetho uqale ukusebenza, asinakuba ngaphezu kwesohlwayo abeya kohlwaywa sona ngomhla awasenza ngaso isenzo sokwaphul’ umthetho. (7) Imisebenzi namagunya anikwe wona umntu ngokwesiqendu 3, 8 nese-12 seNational Key Points Act 102 ka-1980, nemimiselo ehambisana nezo ziqendu iqhubeka isebenza ithuba lexesha elixelwe kwisiqendwana (2) ukuba ayingqubani noko kutshiwo kulo uMthetho. This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 15 20 25 30 35 40 45 50

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents