GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   45 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 45 (8) Umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo makathi kangangoko kunokwenzeka acande imida, anamathisele nesaziso kwindawo ezikuyo iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, ukuze bazi abantu ukuba loo ndawo ibhengezwe njengendawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, ekwenza oko ngendlela emiselweyo. (9) Umntu owabelwe imisebenzi ngokwesi Sahluko makawasebenzise amagunya, ayenze nemisebenzi ngokulawulwa nguMgaqo-siseko kwaye ewahlonela amalungelo asisiseko omntu ngamnye. 5 Ukufikelela kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo 25. (1) Ngokulawulwa sisiqendu 24, umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo— (a) makathabathe amanyathelo ahambisanayo nomthetho awabona eyimfuneko ukukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kunye nezinto ezingaphakathi apho, namanyathelo okukhusela abantu abakhoyo apho; (b) makakhuphe isaziso ngendlela emiselweyo esithi kunokungenwa kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kuphela ngendlela exelwe kwisiqendwana (2), esithi abantu okanye iinqwelo-mafutha zisengasetshwa xa zingena okanye ziphuma apho ngokwesiqendwana (5); kwaye (c) makaqinisekise ukuba isaziso esixelwe kwisiqendu (b) sibekwa ekungeneni kwezo ziseko ezibalulekileyo ezingundoqo. (2) (a) Akukho mntu ovumelekileyo engenayo imvume yemaneja yokhuseleko okanye engenayo imvume yabasebenzi abasebenza phantsi kwemaneja yokhuseleko ukuba angene kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ekukhutshwe umyalelo ngazo ngokwesiqendwana (1)(b). (b) Ngenjongo yokunika imvume, imaneja yokhuseleko okanye abasebenzi bokhuseleko abaphantsi kwemaneja yokhuseleko banokufuna ukuba umnntu— (i) axele igama lakhe nedilesi kwakunye nenye ingcombolo efanelekileyo efunwa ngumntu ogunyaziweyo; (ii) avelise ubungqina bokuba ungubani; (iii) axele ukuba unaso kusini na isixhobo esiyingozi; (iv) axele ukuba kukho ntoni kwinqwelo-mafutha yakhe, kwisutikheyisi, kwingxowa, kwingxowana yamanenekazi, kwifayile, kwimvulophu, kwipasela okanye kuyo nayiphi na enye into ekuye, kwaye avezele imaneja yokhuseleko okungaphakathi; (v) avume ukuba asetshwe okanye nantoni na ekuye isetshwe ngesixhobo esiyielektroniki ukuze kuqondakale ukuba ikho kusini na into enobungozi okanye engavumelekanga kuye; kwaye (vi) ngokulawulwa sisiqendwana (6), asetshwe yimaneja yokhuseleko okanye ngabasebenzi bokhuseleko abasebenza phantsi kwayo. (3) Xa imaneja yokhuseleko okanye abasebenzi abasebenza phantsi kwayo bemnika imvume umntu ngokwesiqendwana (2), umntu lowo unokuhi angene, kodwa phantsi kwemiqathango ethile— (a) yokuba ahlale ebuthe qhiwu ubungqina bokuba uyinikiwe imvume; (b) yezithintelo ezimayela nabantu anokuthi adibane nabo ngoxa elapho ngaphakathi kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (c) yezithintelo zokungena kwiindawo ezithile apho kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (d) yobude bexesha lobukho bakhe kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (e) yokuphelekwa xa ehamba-hamba kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; kunye (f) nezinye iimfuneko enokuthi imaneja yokhuseleko okanye abasebenzi bokhuseleko bazibone ziyimfuneko. (4) Kungengakuba kuyaphambukwa koko kutshiwo yiTrespass Act 6 ka-1959, imaneja yokhuseleko okanye abasebenzi bokhuseleko beyalelwa yimaneja yokhuseleko banokuthi, nangaliphi na ixesha, bamsuse umntu kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ukuba— (a) loo mntu ungena kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye kwinxalenye yazo, engenayo imvume efunekayo exelwe kwisiqendwana (2); (b) loo mntu uyala okanye uyoyisakala ukuthobela umqathango oxelwe kwisiqendwana (3); okanye This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 10 15 20 25 30 35 40 45 50 55 60

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents