GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   47 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 47 (c) kuyimfuneko ukuze kukhuseleke iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye okungaphakathi kuzo okanye ukuze kukhuseleke abantu abalapho. (5) Umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo usengagqiba kwelokuba abantu neenqwelo-mafutha eziphumayo kwiyadi yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo mazisetshwe, ngokulawulwa sisiqendwana (6). (6) (a) Ukusetshwa komntu emzimbeni okwenziwa ngokwesiqendwana (2)(b)(vi) okanye (5) makwenziwe ngumntu osisini esinye nalowo osetshwayo, kanye ngendlela akhetha ukuba kwenziwe ngayo lowo osetshwayo ngokwesiqendu (d)(ii), kuhlonelwa ngokungqongqo ilungelo lomntu lokuba neemfihlo nelokuba nesidima, kwaye makwenziwe ngokuvumelana noko kutshiwo sesi siqendu nakoko kutshiwo ngomnye umyalelo omiselweyo. (b) Xa kusetshwa umntu emzimbeni ngokwesiqendwana (2)(b)(vi) no-(5), indlela yokusetsha iphelela ekumphuthaphutheni empahleni yokunxiba yangaphezulu ngenjongo yokuqonda ukuba akukho nto engavumelekanga okanye eyingozi kuye. (c) Ukusetshwa komntu emzimbeni ngokwesiqendwana (2)(b)(vi) okanye (5) kuvumeleke ukuba kwenziwe kuphela ukuba— (i) kurhaneleka ukuba loo mntu akayidandalazisanga into engavumelekanga okanye eyingozi ekuye; ibe (ii) nendlela yokusetsha okanye indawo ekusetshelwa kuyo ayilinyhashi ilungelo lakhe lokuba neemfihlo nelokuba nesidima. (d) Ngaphambi kokuba imaneja yokhuseleko okanye abasebenzi bokhuseleko abaphantsi kwegunya lemaneja yokhuseleko basetshe umntu ekuthethwe ngaye kwisiqendu (c)(i), umntu omakasetshwe— (i) makaziswe ngesini somntu oza kumsetsha, indlela aza kusetshwa ngayo nendawo aza kusetshelwa kuyo; kwaye (ii) makanikwe ithuba lokuba atsho ukuba ukhetha ukusetshwa wasiphi isini kubasebenzi bokhuseleko. (7) Ukuba akunakwenzeka ukuyihlola okanye ukuyigcina apho kwiyadi yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo into enokuthi ihlolwe okanye igcinwe ngokwesiqendwana (2), inokuthathwa isiwe kwindawo efanelekileyo ukuze ihlolwe okanye ibe selugcinweni. (8) Umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo makabonise kwisaziso, ngendlela emiselweyo, kwiindawo ngeendawo apho kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, isilumkiso esithi kungenwa apho kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kuphela ngokwesiqendwana (2) nangemiqathango egqitywe yimaneja yokhuseleko. 5 10 15 20 25 30 35 ISAHLUKO 5 IZENZO EZIKUKONA NEZOHLWAYO Izenzo ezikukona nezohlwayo 26. (1) Nawuphi na umntu othi ngokungekho mthethweni— (a) anike, asasaze okanye apapashe nangayiphi na indlela ingcombolo emalunga namanyathelo okhuseleko asebenza kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, engakwenzi oko ngokweProtected Disclosures Act 26 ka-2000, nangokwePrevention and Combating of Corrupt Activities Act 12 ka-2004 okanye omnye uMthetho wePalamente othetha ngokudandalaziswa okusemthethweni kwengcombolo; (b) othatha okanye orekhoda, okanye owenza ukuba omnye umntu athathe okanye arekhode ifoto, ividiyo okanye ifilim yamanyathelo okhuseleko kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (c) othintela, oxab’ endleleni okanye odelela umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo xa ethabatha amanyathelo afunekayo okanye amanyathelo ayalelweyo ngokwalo Mthetho malunga nokhuseleko lweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (d) othintela, oxab’ endleleni okanye okanye odelela umntu owenza umsebenzi okanye owenza into ekufuneka eyenzile ngokwalo Mthetho; (e) ongena kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo engenayo imvume yemaneja yokhuseleko okanye yomntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo’; (f) ongena kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ngokunxamnye nesaziso esixelwe kwisiqendu 24(8) okanye 25(8); This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 40 45 50 55

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents