GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   53 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 53 (k) ngeenkcukacha emazipapashwe apho iziseko zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye apho ukubhengezwa kwazo njengezibalulekileyo kuphelisiweyo, njengoko kuxelwe kwisiqendu 21(6); (l) ngamanyathelo amakathatyathwe ngumntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo njengoko kuxelwe kwisiqendu 24(1); (m) malunga nabasebenzi bokhuseleko— (i) ngolawulo nokusebenza kweenkampani zoonogada kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (ii) ngemilinganiselo nezifundo zoqeqesho ezinokuthi zigqitywe kwaye zivunywe yiPSIRA ekufuneka oonogada abagada kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo babe nazo; (iii) ngeemfuneko, imfundo, inqanaba lokhuseleko, nenkqubo yokuqeshwa kwabasebenzi bokhuseleko kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (iv) ngezizathu ezibenza bangafaneleki abantu ukuba baqeshwe njengabasebenzi bokhuseleko okanye bangafaneleki ukuqhubeka beqeshiwe kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; kwakunye (v) nendima neembopheleleko zeenkampani zoonogada kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (n) mayela namanyathelo okhuseleko kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo— (i) ngemilinganiselo yamanyathelo okhuseleko; (ii) ngokulawulwa kokungena nokuphuma kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (iii) nangeenkqubo zemeko yequbuliso nokukhutshwa kwabantu kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (o) nangawo nawuphi na omnye umbandela onxulumene nale ekuyimfuneko ngawo ukwenza ummiselo ukuze lo Mthetho usetyenziswe kakuhle. (2) Imimiselo eyenziwe phantsi kwesi siqendu ingabeka isohlwayo esiyifayini okanye esikukuvalelwa entolongweni ixesha elingekho ngaphaya kweenyanga ezili-12 okanye ifayini noko kuvalelwa entolongweni ngokwaphulwa kwayo okanye ngokoyisakala ukwenza okufunwa yiyo. (3) UMphathiswa unokwenza imimiselo engafaniyo yeendidi ngeendidi ezahlukeneyo zeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo. (4) UMphathiswa angakhupha imiyalelo ngendlela yokuqondwa kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo nokuphononongwa kwazo nokulawulwa kwazo njengoko kunokuthi kufuneke ukuqinisekisa ukusetyenziswa kwalo Mthetho ngendlela efanayo. (5) UMphathiswa makathi thaca ePalamente imimiselo aceba ukuyenza ukuze iphicothwe ngaphambi kokuba ayipapashe. (6) Nawuphi na ummiselo oyimfuneko ukuze usetyenziswe ngoko nangoko lo Mthetho mawupapashwe ngendlela yokuba ungqamane nokuqalisa kwalo Mthetho ukusebenza. (7) Ngaphambi kokuba enze nawuphi na ummiselo ngokwesi siqendu, uMphathiswa— (a) makapapashe isihlokomiso kuShicilelo-Mithetho— (i) edwelisa imimiselo eseluvavanyo; aze (ii) ameme abantu ukuba bangenise izimvo ezibhaliweyo ngaloo mimiselo eseluvavanyo, bekwenza oko lingekapheli ixesha elibekiweyo; kwaye (b) makaziqwalasele izimvo azifumeneyo. (8) UMphathiswa unokuthi ayipapashe imimiselo ikwimo yayo yokugqibela kuShicilelo-Mithetho, ekwenza oko emva kokuba ekwenzile okufunwa sisiqendwana (7), kungakhathaliseki ukuba wenze utshintsho kusini na okanye akalwenzanga kwimimiselo ekuthethwe ngayo kwisiqendwana (1), emva kokuba ekwenzile okufunwa sisiqendwana (5). This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 5 10 15 20 25 30 35 40 45 50 55

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents