GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 55
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
55
ISAHLUKO 7
OKUTSHIWO NGULO MTHETHO GABALALA NOKUZA KWENZEKA
OKWETHUTYANA
Ubulungisa ekwenziweni kwezigqibo
28. Nasiphi na isigqibo esithatyathwayo ngokwalo Mthetho masithatyathwe
ngokuvumelana nePromotion of Administrative Justice Act 3 ka-2000, ngaphandle
kokuba kuyalelwe ngenye indlela kulo Mthetho.
5
Imithetho etshitshiswayo
29. Imithetho ekhankanywe kwiSihlomelo A iyatshitshiswa kwaye iindawo
10
ezitshitshiswayo ziboniswe kumhlathi wesithathu apho kwiSihlomelo.
Okuza kwenzeka okwethutyana
30. (1) Nayiphi na iNdawo Ebalulekileyo Yelizwe okanye uDederhu Lweendawo
Ezibalulekileyo Zelizwe ezibhengezwe ziziindawo ezibalulekileyo ngokwemithetho
ekuthethwe ngayo kwiSihlomelo (‘‘iMithetho yangaphambili’’), mazithathwe
njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo de abe uMphathiswa wenze isigqibo
malunga nokuba ezo Ndawo Ezibalulekileyo Zelizwe okanye olo Dederhu Lweendawo
Ezibalulekileyo Zelizwe ziziziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kusini na
ngokwesiqendu 20(1).
(2) Zingekapheli iinyanga ezingama-48 uqalile ukusebenza lo Mthetho,
uMkomishinala Wezwelonke makathi, emva kokuba ebonisene nomntu ophetheyo
kwiNdawo Ebalulekileyo Yelizwe aqulunqe ingxelo ngokufaneleka kokuba nganye
iNdawo Ebalulekileyo Yelizwe okanye ngalunye uDederhu Lweendawo
Ezibalulekileyo Zelizwe zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
okanye zibhengezwe njengoDederhu Lweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, aze
angenise loo ngxelo, kunye neziphakamiso kwiBhunga Leziseko Eziphakamileyo
emaliyisingathe loo ngxelo ngendlela exelwe kwisiqendu 19.
(3) Zingekapheli iinyanga ezintathu uqalile ukusebenza lo Mthetho, umntu ophetheyo
kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ezixelwe kwisiqendwana (1) makaqinisekise
ukuba inkqubo yokuhlola ukufaneleka kwenkamapani yoonogada, kuquka
neyokuhlolwa konogada oqeshwe kwindawo yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo,
iqalisiwe.
(4) Ngokulawulwa sisiqendwana (5), lo Mthetho awuwachaphazeli amatyala
awaqaliswa ngokweMithetho yangaphambili awayephambi kwenkundla ngaphambi
komhla wokuqalisa kwalo Mthetho, kwaye loo matyala makaqosheliswe kwinkundla
leyo ngokungathi lo Mthetho awuphunyezwanga.
(5) (a) Amatyala axelwe kwisiqendwana (4) makathathwe njengangekaqosheliswa
ukuba umntu lowo selebuziwe ukuba uyalivuma okanye uyalikhanyela kusini na ityala.
(b) Akukho kutshutshiswa komntu okuya kuqhubeka ngokwaphula omnye
wemithetho yangaphambili ukuba isenzo sokwaphul’ umthetho ekuthiwa usenzile
ngesingesiso isenzo sokwaphul’ umthetho ukuba bekusebenza lo uMthetho ngexesha
lokwenziwa kweso senzo sokwaphul’ umthetho.
(6) (a) Nangona itshitshisiwe imithetho yangaphambili, nawuphi na umntu owayethe,
ngaphambi kokutshitshiswa kwayo, wenza isenzo esikukwaphul’ umthetho ngokwaloo
mithetho, senzo eso esikukwaphul’ umthetho nangokwalo uMthetho, unokuthi emva
kokuba lo uMthetho uqale ukusebenza, atshutshiswe ngokwalo uMthetho.
(b) Nangona ukusebenza kwalo Mthetho kwenziwa kuqalele kwixesha elidlulileyo
njengoko kuxelwe kwisiqendu (a), nasiphi na isohlwayo awohlwaywa sona umntu
ngokwalo Mthetho ngokwesenzo esenziwa ngaphambi kokuba lo Mthetho uqale
ukusebenza, asinakuba ngaphezu kwesohlwayo abeya kohlwaywa sona ngomhla
awasenza ngaso isenzo sokwaphul’ umthetho.
(7) Imisebenzi namagunya anikwe wona umntu ngokwesiqendu 3, 8 nese-12
seNational Key Points Act 102 ka-1980, nemimiselo ehambisana nezo ziqendu iqhubeka
isebenza ithuba lexesha elixelwe kwisiqendwana (2) ukuba ayingqubani noko kutshiwo
kulo uMthetho.
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
15
20
25
30
35
40
45
50
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents